Gqeberha News Update

Gqeberha News Update

Share

12/05/2025

Amapolisa ase Gqeberha angqinile uba ngumntana onenyanga eziyi 18 othe watshona kwi swimming pool e Lovermore heights ngolwesihlanu,ngokwengxelo esuka kwisithethi samapolisa ase Gqeberha u Andre Beetge ithi,amapolisa aye afumana umnxeba ngentsimbi yesixhenxe,nalapho umntana ebesebalekiselwe kwisibhedlela sase Greenacres hospital kodwa engasekho,amapolisa ase Walmer aye axelelwa uba lomntana ubalekiselwe nge Ambulance ukuze azofika esibhedlela

06/05/2025

Amapolisa ase Gqeberha athi ngamadoda amahlanu angene ambonzeleka kwisakhiwo sokhonzela ze arobha ebamba inkunzi abantu abangaphaya kwe 50,ngokwesithethi samapolisa u Andre Beetge uthi,ngokuhlwa kwangomvulo kwindawo ebizwa nge Betherlsdorp,kungene amadoda amahlanu kwinkonzo ibiqhuba ze alalisa abantu ngezisu nalapho bathe baxuthelwa I phone zabo,ze amadoda lawo abaleka ngemoto yomfundisi eluhlobo lwe Toyota Rav4 nethe kamva yafunyanwa ithwe tya e Chatty

30/08/2021

Amapolisa alibhengezile igama lomntu wesibini nothe wasweleka kwingozi ebiquka uSodolophu wale Metro uMnu Nqaba Banga, ngokokutsho kwesithethi samapolisa sithi lo uswelekileyo libhinqa elineminyaka eyi 44 negama elingu Nonzwakazi Maho,lengozi yenzeke kwindlela engu R75,kanye kwi corner eyi St Leanord kunye ne Uitenhage Road,nalapho uhlobo lwemoto oluyi Audi lingqubene nohlobo lwemoto oluyi Mercedes Benz ngo 23:30 ebusuku,abantu ababini ebebekhwele kwi Audi baye baphulukana nemiphefumlo yabo kulengozi,ze obekhwele kwisithuthi esiyi Mercedes Benz nongu Sodolophu uye wonzakala, ngokokutsho kwamapolisa athi ayayiphanda lengoz,izolo uMnu Nqaba Banga ebesenza utyando nanjengoba ophele ngaphakathi

30/08/2021

Kucholwe ID BOOK ka Siyanda Jutshana ku Jikeleza, ingxelo ka driver ithi uhle e police station endala kuba ebezakhwela Avanza eya e location,nabani na omaziyo anga fowunela le number ingu 0838814582,inzame zoba akhangelwe ku Facebook ziwe namthanyana nanjengoba egqibele kudala ungena ku Facebook

Want your business to be the top-listed Media Company in Port Elizabeth?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Website

Address


Port Elizabeth